Isiprofeto 4 Ukuphola Kothando
“Abantu . . . babengayi kuzithanda iintsapho zabo.”—2 TIMOTI 3:1-3 iGod’s Word Bible.
● UChris usebenzela iqela elijongene nogonyamelo lwasekhaya eNorth Wales. Uthi: “Ndikhumbula ngenye imini ndidibane nelinye inenekazi elalibethwe kanobom kangangokuba ndandingasalazi. Amanye amabhinqa adandatheke kangangokuba kunzima nokujonga abantu.”
ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Kwelinye ilizwe laseAfrika, ibhinqa elimalunga nelinye kwamathathu lakhe laxhatshazwa ngokwesini xa lalingumntwana. Uhlolisiso olwenziwa kwakwelo lizwe lwafumanisa ukuba amadoda angaphezu kwesinye esithathwini avakalelwa kukuba abafazi bafanele babethwe. Noko ke, asingomabhinqa kuphela angamaxhoba ogonyamelo. Ngokomzekelo, eKhanada phantse amadoda amathathu kwali-10 aye abethwa okanye axhatshazwa ngamaqabane awo.
BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Kudala lukho ugonyamelo. Umahluko ngowokuba kuthethwa kakhulu ngalo kunangaphambili.
NGABA BANYANISILE? Ugonyamelo lwasekhaya belusoloko lusematheni kumashumi eminyaka akutshanje. Kodwa ngaba ukuthetha ngalo kuye kwalunciphisa? Akunjalo. Kuxhaphake kakhulu ukuphola kothando.
UTHINI WENA? Ngaba eyesi-2 kuTimoti 3:1-3 iyazaliseka namhlanje? Ngaba abantu abaninzi abazithandi iintsapho zabo, thando olo ebekufanele ukuba lukho ngokwemvelo?
Isiprofeto sesihlanu osibona sizaliseka siphathelele ikhaya lethu umhlaba. Khawuve ukuba ithini iBhayibhile ngalo mbandela.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
“Ugonyamelo lwasekhaya lelinye lawona matyala angaxelwayo. Ngokomli-nganiselo ibhinqa libethwa liqabane lalo izihlandlo ezingama-35 ngaphambi kokuba lixele emapoliseni.”—IBHINQA LASEWALES ELISISITHETHI KWIZIKO LABANTU ABAXHATSHAZWAYO EKHAYA.