Kulumkele Ukusebenzisa IBhayibhile Njengekhubalo
“ILIZWI LIKATHIXO liphilile, linamandla.” (Heb. 4:12) Lawo ngamazwi kampostile uPawulos abethelela amandla elizwi likaThixo okuchukumisa iintliziyo nawokutshintsha ubomi babantu.
Noko ke, imbono yokuba isigidimi seBhayibhile sinamandla yaphazanyiswa xa kwaqalisa uwexuko olwaluprofetiwe emva kokufa kwabapostile. (2 Pet. 2:1-3) Ekuhambeni kwexesha, iinkokeli zeecawa zaqalisa ukuthi iLizwi likaThixo lilikhubalo. UNjingalwazi uHarry Y. Gamble wabhala, “ngokusetyenziswa kweendinyana zamaKristu njengekhubalo.” Wayitsho into yokuba ngenkulungwane yesithathu, uMfundisi weCawa uOrigen wathi “nkqu ukuyiva nje imibhalo engcwele kuyanceda: ukuba imilingo yabahedeni inamandla, kubekele phi ngamazwi angcwele asezibhalweni.” UJohn Chrysostom owayephila ngasekupheleni kwenkulungwane yesine wabhala wathi, “umtyholi akanakuze angene emzini oneencwadi zeVangeli.” Wanikela ingxelo yokuba abanye babegangxa emiqaleni izicatshulwa eziphuma kwiincwadi zeVangeli njengekhubalo elinamandla. UNjingalwazi Gamble wahlabela mgama esithi umfundisi womKatolika uAugustine “wayesithi kuvumelekile ukulala nekopi yeVangeli kaYohane phantsi komqamelo xa uqaqanjelwa yintloko”! Ngaloo ndlela iindinyana zeBhayibhile zazisetyenziswa njengamakhubalo. Ngaba nawe ugqala iBhayibhile njengekhubalo eliza namathamsanqa nelinokukhusela kwimimoya emdaka?
Enye indlela engafanelekanga abantu abasebenzisa ngayo iBhayibhile kukucinga ukuba loo ndawo umntu avule kuyo kuqala, yiyo eya kumxelela into amakayenze. Ngokomzekelo, uNjingalwazi Gamble uthi, uAugustine wakha weva umntwana waselumelwaneni esithi: “Yithath’ uyifunde, yithath’ uyifunde,” waza wacinga ukuba uxelelwa nguThixo ukuba atyhile iBhayibhile aze afunde nantoni na ayibone kuqala.
Ngaba ukhe weva ngabantu abathi xa besengxakini bathandaze kuThixo baze batyhile iBhayibhile naphi na, becinga ukuba indinyana yokuqala abadibene nayo iza kubanceda? Nakuba kusenokwenzeka ukuba baneenjongo ezintle, leyo asiyondlela amaKristu afanele alufune ngayo ulwalathiso lweZibhalo.
UYesu waqinisekisa abafundi bakhe ukuba uza kubathumelela “umncedi, umoya oyingcwele.” Waleka ngelithi: “Yena uya kunifundisa zonke izinto aze anikhumbuze zonke izinto endinixelele zona.” (Yoh. 14:26) Ekuphela kwendlela esiya kuzikhumbula ngayo iZibhalo kukuzifunda, kunokusuka nje sityhile nakweyiphi na indawo.
Ziqhelekile ezi ndlela zokusebenzisa iBhayibhile njengekhubalo. Noko ke, iLizwi likaThixo liyakugweba ukuvumisa. (Lev. 19:26; Dut. 18:9-12; IZe. 19:19) “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla,” kodwa simele silisebenzise ngobuchule. Kukuba nolwazi oluchanileyo lweBhayibhile okuphucula ubomi babantu, kungekhona ukuyisebenzisa njengekhubalo. Ukuba nolo lwazi kuye kwanceda abantu baziphatha kakuhle, bayeka ukuzibhubhisa, baba neentsapho eziluqilima, baza baba nolwalamano olusenyongweni noMbhali weBhayibhile.