Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
MaNgqina KaYehova Athandekayo:
Bakhonzi bakaYehova abathembekileyo, ngoku abangaphezu kwezigidi ezisixhenxe, kusivuyisa ngokwenene ukunibhalela le leta. Xa udibana neNgqina elisuka kwelinye ilizwe, zisuka nje uye ulithande. (Yoh. 13:34, 35) Siqinisekile ukuba olo thando luya kuvuseleleka xa ufunda iingxelo ezikule Ncwadi Yonyaka nezibangel’ umdla zabazalwana noodade abanokholo nabathembekileyo abakwamanye amazwe.
Iingxelo ezisuka ehlabathini lonke zibonisa ukuba uninzi lwenu luluqhuba rhoqo uNqulo Lwentsapho. Abo banabantwana abancinane baye balwenza ngeendlela ezininzi ezibangel’ umdla ukuze bathimb’ ingqalelo yabantwana babo. (Efe. 6:4) Eli lungiselelo liye lomeleza imitshato emininzi. (Efe. 5:28-33) Iintsapho nabanye abantu baye bangenelwa ngokwenene kweli lungiselelo lengokuhlwa eyenzelwe ukufundisisa iLizwi likaThixo.—Yosh. 1:8, 9.
Sivelana nabo bonke abo baye baphulukana nezinto zabo nabantu ababathandayo ngenxa yeentlekele zemvelo zakutshanje. Sibabulela kakhulu bonke abo baye ababi madolw’ anzima ekuncedeni kula maxesha obunzima. (IZe. 11:28-30; Gal. 6:9, 10) Ngaphezu koko, kwibandla ngalinye kukho abo bathi bakubona abazalwana abasweleyo, babancede. NjengoDorkas, niphuphuma “zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.” (IZe. 9:36) Qinisekani ukuba uYehova uyakubona oku yaye uya kunibuyekeza ngokufanelekileyo.—Mat. 6:3, 4.
Kwamanye amazwe, amalungelo enu awasiwa so ngabantu abagqwetha imithetho ukuze ‘bayile inkathazo ngommiselo.’ (INdu. 94:20-22) Ekubeni nisazi ukuba uYesu wayixela kwangaphambili intshutshiso enjalo, ngenkalipho nithembele kuYehova yaye ninyamezele. (Yoh. 15:19, 20) Nina bazalwana esibathandayo, qinisekani ukuba sinikhankanya rhoqo emithandazweni njengoko niqhubeka ‘nizithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni.’—1 Pet. 3:13-15.
Sinincoma ngokwenene nonke nina niqhubeka niziphatha kakuhle nakuba uSathana ezama ukunihenda ngeendlela ezifihlakeleyo ukuba niziphathe kakubi. Ngoxa indlela yokuziphatha yehlabathi isiya iwohloka nangakumbi, nina “nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo.” (Efe. 6:10) Niye ‘nambatha sonke isikrweqe sikaThixo,’ yaye niye naxhathisa nxamnye “namaqhinga kaMtyholi.” (Efe. 6:11, 12) Qinisekani ukuba ngenxa yalo mzekelo wenu mhle, uYehova uyakwazi ukuphendula uSathana omngcikivayo!—IMize. 27:11.
Siye savuya kakhulu sakuva ukuba abantu abebekho kwiSikhumbuzo sokufa kweNkosi ngowama-2011 bebengama-19 374 737. Eli nani libangelwe yindlela enisabele ngayo kwisicelo soovulindlela abangabancedani kwinyanga ka-Aprili. Izigidi zabantu abasemhlabeni ziye zayiva indlela uYehova adunyiswa ngayo ngamaNgqina akhe anyanisekileyo! (Roma 10:18) Enoba ungomnye waba bangama-2 657 377 abebengoovulindlela abangabancedani kule nyanga okanye uye wasebenza ngakumbi kubulungiseleli, nonke niye nasenza saba nemincili ngenxa yokuvuma kwenu nenzondelelo eninayo kubulungiseleli.—INdu. 110:3; Kol. 3:23.
Kunyaka odluleyo, abantu abangama-263 131 baye bazahlulela kuYehova. Sibulela uYehova, yaye sinibulela nonke kuba niye nasithelela kwesi simemo sithi: “‘Yiza!’ Lowo uvayo makathi: ‘Yiza!’ Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhi. 22:17) Emva kokuba siye saxubusha iinkalo ezahlukahlukeneyo zoBukumkani kwiindibano zesithili zowama-2011, ngamxhelo mnye sonke sithi, “Mabufike uBukumkani bukaThixo!” Siqhutywa sisiqinisekiso sikaYesu esithi, “Ndiyeza ngokukhawuleza,” sivumelana namazwi kampostile uYohane athi: “Amen! Yiza, Nkosi Yesu.”—ISityhi. 22:20.
Bazalwana noodade abathandekayo, njengoko nilindele ukufika kweso siganeko sibangel’ imincili, qinisekani ukuba sithanda ngamnye wenu ngenxa yokuba nibonisa ukuba niyamthanda uYehova “ngezenzo nangenyaniso”!—1 Yoh. 3:18.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova