IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb17 iphe. 108-109
  • “KuThixo Zonke Izinto Zinako Ukwenzeka”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “KuThixo Zonke Izinto Zinako Ukwenzeka”
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvavanywa Kokholo EPoland
    Vukani!—2000
  • Ukushicilela Uncwadi LweBhayibhile Ngoxa Umsebenzi Uvaliwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukuvelisa Uncwadi LweBhayibhile Ukuze Lusetyenziswe Kubulungiseleli
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ubuncwane Obebufihliwe Kangangeenkulungwane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2017
yb17 iphe. 108-109

EGEORGIA

“KuThixo Zonke Izinto Zinako Ukwenzeka”

UNatela Grigoriadis

  • WAZALWA Ngo-1960

  • WABHAPTIZWA Ngo-1987

  • IBALI LOBOMI Emva nje kokuba ebhaptiziwe, uNatela wasebenzisa ulwazi analo nabantu abaziyo njengomthengisi ukuze ahambisele phambili umsebenzi wokushicilela ngokufihlakeleyo.

UNatela Grigoriadis

NGASEKUPHELENI koo-1980, yayisiba ngumqhubi weSifundo seMboniselo kuphela onekopi yemagazini kwiintlanganiso zethu, ibe amaxesha amaninzi yayibhalwe ngesandla. Ndathetha noGenadi Gudadze, omnye wabadala, ndacebisa ukuba sizame ukuziprintela ezethu iimagazini.

Ngeloo xesha, abazalwana babesebenzisa uzenzele womatshini wokukhuphela ukuze benze iincwadi ezimbalwa. Ukuze bazenze rhoqo, kwakuza kufuneka babe nomatshini wokukhuphela osebenza kakuhle, umntu okwazi ukuchwetheza, umatshini wokuchwetheza, nendawo abaza kumane befumana kuyo amaphepha okukhuphela. Kodwa ke, izixhobo zokuprinta, nkqu nephepha, zazibhaliswe kurhulumente kwaye ziphethwe ngamagosa ezokhuseleko.

Ndafumana umatshini wokuchwetheza kumntu endandisebenza naye nowayekwazi ukufumana oomatshini abalahlwayo nabangasekho phantsi korhulumente. Udade wethu wayeyincutshe yokuchwetheza ngoko wayeza kusinceda. Abazalwana benza omnye umatshini wokukhuphela baza bafumana nendawo esasinokuthenga kuyo amaphepha. Zonke izinto zahlangana, kwaza kungekudala kwaveliswa iMboniselo yokuqala yesiGeorgia.

Kodwa kwavela enye ingxaki. Ngenye imini uGenadi wathi kum, “Kuza kufuneka sifune enye indawo esiza kuwafumana kuyo amaphepha.” Wayewabonile kwenye iofisi karhulumente, kodwa ekubeni wayegadwe ngabasemagunyeni akazange akwazi ukuwathenga ngokwakhe. Sasiza kuwafumana njani? Ndandimane ndisithi, “Soze sikwazi!” UGenadi wandiphendula wathi, “Yeka ukumane usithi ‘Soze sikwazi.’ ‘KuThixo zonke izinto zinako ukwenzeka’!”—Mat. 19:26.

Ngemini elandelayo, njengoko ndandisoyika kwakunkenteza loo mazwi endleleni eya kula ofisi karhulumente. UYehova wandikhokelela kumchwethezi onobubele nowayekulungele ukuthumela isicelo sam kumphathi weofisi. Yayingumyeni walo mchwethezi! Ngoko ndaqhubeka ndiwathenga apha amaphepha, ibe emva koko zange siphinde sibe nangxaki ngendawo yokuthenga.

UNatela Grigoriadis ufunda iMboniselo
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share