EGEORGIA
“KuThixo Zonke Izinto Zinako Ukwenzeka”
UNatela Grigoriadis
WAZALWA Ngo-1960
WABHAPTIZWA Ngo-1987
IBALI LOBOMI Emva nje kokuba ebhaptiziwe, uNatela wasebenzisa ulwazi analo nabantu abaziyo njengomthengisi ukuze ahambisele phambili umsebenzi wokushicilela ngokufihlakeleyo.
NGASEKUPHELENI koo-1980, yayisiba ngumqhubi weSifundo seMboniselo kuphela onekopi yemagazini kwiintlanganiso zethu, ibe amaxesha amaninzi yayibhalwe ngesandla. Ndathetha noGenadi Gudadze, omnye wabadala, ndacebisa ukuba sizame ukuziprintela ezethu iimagazini.
Ngeloo xesha, abazalwana babesebenzisa uzenzele womatshini wokukhuphela ukuze benze iincwadi ezimbalwa. Ukuze bazenze rhoqo, kwakuza kufuneka babe nomatshini wokukhuphela osebenza kakuhle, umntu okwazi ukuchwetheza, umatshini wokuchwetheza, nendawo abaza kumane befumana kuyo amaphepha okukhuphela. Kodwa ke, izixhobo zokuprinta, nkqu nephepha, zazibhaliswe kurhulumente kwaye ziphethwe ngamagosa ezokhuseleko.
Ndafumana umatshini wokuchwetheza kumntu endandisebenza naye nowayekwazi ukufumana oomatshini abalahlwayo nabangasekho phantsi korhulumente. Udade wethu wayeyincutshe yokuchwetheza ngoko wayeza kusinceda. Abazalwana benza omnye umatshini wokukhuphela baza bafumana nendawo esasinokuthenga kuyo amaphepha. Zonke izinto zahlangana, kwaza kungekudala kwaveliswa iMboniselo yokuqala yesiGeorgia.
Kodwa kwavela enye ingxaki. Ngenye imini uGenadi wathi kum, “Kuza kufuneka sifune enye indawo esiza kuwafumana kuyo amaphepha.” Wayewabonile kwenye iofisi karhulumente, kodwa ekubeni wayegadwe ngabasemagunyeni akazange akwazi ukuwathenga ngokwakhe. Sasiza kuwafumana njani? Ndandimane ndisithi, “Soze sikwazi!” UGenadi wandiphendula wathi, “Yeka ukumane usithi ‘Soze sikwazi.’ ‘KuThixo zonke izinto zinako ukwenzeka’!”—Mat. 19:26.
Ngemini elandelayo, njengoko ndandisoyika kwakunkenteza loo mazwi endleleni eya kula ofisi karhulumente. UYehova wandikhokelela kumchwethezi onobubele nowayekulungele ukuthumela isicelo sam kumphathi weofisi. Yayingumyeni walo mchwethezi! Ngoko ndaqhubeka ndiwathenga apha amaphepha, ibe emva koko zange siphinde sibe nangxaki ngendawo yokuthenga.