Numeri 35:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 “‘Umphindezeli+ wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo. Akuqubisana naye wombulala ngokwakhe. Duteronomi 19:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Kungenjalo, umphindezeli+ wegazi usenokusisukela isibulala-mntu eso, kuba ishushu intliziyo yakhe, asifumane, ngokuba nde kwendlela; aze awubethe ufe umphefumlo waso, ngoxa besingafanelwanga sisigwebo sokufa,+ kuba besingalithiyanga ngaphambili. Yoshuwa 20:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Ezi yaba zizixeko ezamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli nomphambukeli ohlala njengomphambukeli phakathi kwabo, ukuze nabani na othe wabetha umphefumlo wawubulala engaqondanga+ asabele apho, ukuze angafi ngesandla somphindezeli wegazi de kube kukuma kwakhe phambi kwendibano.+
6 Kungenjalo, umphindezeli+ wegazi usenokusisukela isibulala-mntu eso, kuba ishushu intliziyo yakhe, asifumane, ngokuba nde kwendlela; aze awubethe ufe umphefumlo waso, ngoxa besingafanelwanga sisigwebo sokufa,+ kuba besingalithiyanga ngaphambili.
9 Ezi yaba zizixeko ezamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli nomphambukeli ohlala njengomphambukeli phakathi kwabo, ukuze nabani na othe wabetha umphefumlo wawubulala engaqondanga+ asabele apho, ukuze angafi ngesandla somphindezeli wegazi de kube kukuma kwakhe phambi kwendibano.+