IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 ngoko ke, ndothi nam ndinohlwaye ngokuqinisekileyo ngokunizisela ukuphazamiseka ngesifo sephepha+ nangomkhuhlane otshisayo, obangela ukufiphala kwamehlo+ nowethisa umphefumlo amandla.+ Noyihlwayelela ilize imbewu yenu, ekubeni iintshaba zenu ziya kuyidla ngokuqinisekileyo ziyigqibe.+

  • Duteronomi 28:51
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 51 Lodla isiqhamo sezilwanyana zakho zasekhaya nesiqhamo somhlaba wakho ude ubhubhe,+ lungakushiyeli kudla okuziinkozo, nawayini intsha, naoli, nathole lankomo yakho, nanzala yomhlambi wakho, lude lukutshabalalise.+

  • Nehemiya 9:37
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 37 yaye imveliso yalo iphuphumela+ ookumkani+ obabekileyo phezu kwethu ngenxa yezono zethu,+ ibe balawula imizimba yethu nezilwanyana zethu zasekhaya, ngokokuthanda kwabo, kwaye sibandezelekile kakhulu.+

  • Isaya 1:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ilizwe lenu lisisiphanziso,+ izixeko zenu zitshiswe ngomlilo;+ umhlaba wenu—udliwa ugqitywe ngabasemzini+ kanye phambi kwenu,+ yaye isiphanziso sinjengokubhukuqwa ngabasemzini.+

  • Yeremiya 5:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngokuqinisekileyo baya kusidla basigqibe isivuno sakho nesonka sakho.+ Aba bantu baya kubadla babagqibe oonyana bakho neentombi zakho. Baya kuyidla bayigqibe imihlambi yakho yezimvu nemihlambi yakho yeenkomo. Baya kuwudla bawugqibe umdiliya wakho nomkhiwane wakho.+ Baya kuziqoba ngekrele izixeko zakho ezinqatyisiweyo okholose ngazo.”

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share