IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 4:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Yigcineni ke nize niyenze, kuba oku kububulumko+ kuni nokuqonda+ kuni phambi kwamehlo ezizwana eziya kuva ngayo yonke le mimiselo, zize ngokuqinisekileyo zithi, ‘Olu hlanga lukhulu ngokungathandabuzekiyo lungabantu abanobulumko nokuqonda.’+

  • Duteronomi 8:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunike amandla okuzuza indyebo;+ ukuze awuphumeze umnqophiso wakhe awawufungela ookhokho benu, njengoko kunjalo namhla.+

  • Yoshuwa 1:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “Kuphela wena yiba nesibindi womelele kakhulu ukuze unyameke wenze ngokuvumelana nawo wonke umthetho uMoses umkhonzi wam awakuyalela wona.+ Ungaphambuki kuwo uye ngasekunene okanye ngasekhohlo,+ ukuze wenze ngobulumko naphi na apho uya khona.+

  • 1 Kumkani 2:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kwaye umele ugcine imbopheleleko kuYehova uThixo wakho ngokuhamba ezindleleni zakhe,+ ngokugcina imimiselo yakhe, imiyalelo yakhe nezigwebo zakhe+ nezingqino zakhe, ngokuvumelana noko kubhalwe kumthetho kaMoses,+ ukuze wenze ngokunengqiqo kuyo yonke into oyenzayo nakuyo yonke indawo ojika kuyo;

  • INdumiso 103:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kodwa ububele bothando bukaYehova bususela kwixesha elingenammiselo bude buse kwixesha elingenammiselo+

      Kwabo bamoyikayo,+

      Nobulungisa bakhe koonyana boonyana,+

  • INdumiso 103:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Kwabo bagcina umnqophiso wakhe+

      Nakwabo bayikhumbulayo imiyalelo yakhe khon’ ukuze bayenze.+

  • Luka 11:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Kodwa yena wathi: “Hayi, kunoko, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share