IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 23:40
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 40 Nize nizithabathele ngosuku lokuqala iziqhamo zemithi emihle,+ amagqabi emithi yesundu namasebe emithi eshinyeneyo nemingcunube yasentlanjeni, nibe nemihlali+ phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.

  • Duteronomi 12:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Nize nibe nemihlali phambi koYehova uThixo+ wenu, nina noonyana benu neentombi zenu namakhoboka enu namakhobokazana enu nomLevi osemasangweni enu, ngokuba akanasabelo nalifa nani.+

  • Duteronomi 26:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Uze ube nemihlali+ wena nendlu yakho ngezinto zonke ezintle akunike zona uYehova uThixo wakho, wena nomLevi nomphambukeli ophakathi kwenu.+

  • Nehemiya 8:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kwaye wahlabela mgama wathi kubo: “Hambani, nidle izinto ezinamanqatha nize nisele izinto ezimnandi, nithumele izabelo+ kwabo bebengalungiselelwanga nto; kuba olu suku lungcwele kwiNkosi yethu, ningabi buhlungu, kuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.”

  • Nehemiya 8:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngaloo ndlela lonke ibandla labo babebuye ekuthinjweni lenza iminquba laza lahlala eminqubeni; kuba oonyana bakaSirayeli babengenzi ngaloo ndlela ukususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun+ de kube ngaloo mini, kangangokuba baba nemihlali kakhulu.+

  • INtshumayeli 5:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Khangela! Eyona nto ilungileyo ndiyibonileyo, nentle, kukuba ubani adle, asele aze abone okulungileyo ekusebenzeni kwakhe nzima+ akusebenzayo phantsi kwelanga ngemihla yobomi bakhe amnike yona uTHIXO oyinyaniso, kuba kusisabelo sakhe oko.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share