16 Baza oonyana bakaYosefu bathi: “Ummandla weentaba awusanelanga, yaye kukho iinqwelo zokulwa+ ezinamarhengqa amakhulu entsimbi phakathi kwamaKanan onke ahlala kwilizwe lentili, kokubini lawo aseBhete-sheyan+ needolophu eziphantsi kwayo nalawo akwintili yaseYizereli.”+