Numeri 27:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Ke yena uya kuma phambi koEleyazare umbingeleli, aze ambuzele+ ngokugweba kweUrim+ phambi koYehova. Baya kuphuma ngokomyalelo wakhe baze bangene ngokomyalelo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye nendibano yonke.” ABagwebi 20:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Kwaye asuka aya eBheteli aya kubuza kuThixo.+ Baza oonyana bakaSirayeli bathi: “Ngubani na apha kuthi ofanele kukukhokela ukuya edabini nxamnye noonyana bakaBhenjamin?”+ UYehova wathi: “UYuda makakhokele.”+ INdumiso 85:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Ndiya kukuva oko uTHIXO oyinyaniso uYehova aya kukuthetha,+Kuba uya kuthetha uxolo kubantu bakhe+ nabo banyanisekileyo bakhe,Kodwa mabangabuyeli ekuzithembeni.+ IMizekeliso 16:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Qengqela kuYehova imisebenzi yakho+ yaye amacebo akho aya kumiselwa ngokuqinileyo.+
21 Ke yena uya kuma phambi koEleyazare umbingeleli, aze ambuzele+ ngokugweba kweUrim+ phambi koYehova. Baya kuphuma ngokomyalelo wakhe baze bangene ngokomyalelo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye nendibano yonke.”
18 Kwaye asuka aya eBheteli aya kubuza kuThixo.+ Baza oonyana bakaSirayeli bathi: “Ngubani na apha kuthi ofanele kukukhokela ukuya edabini nxamnye noonyana bakaBhenjamin?”+ UYehova wathi: “UYuda makakhokele.”+
8 Ndiya kukuva oko uTHIXO oyinyaniso uYehova aya kukuthetha,+Kuba uya kuthetha uxolo kubantu bakhe+ nabo banyanisekileyo bakhe,Kodwa mabangabuyeli ekuzithembeni.+