21 Ngaphezu koko, kanye ngelo xesha uYoshuwa wahamba waya kuwanqumla ama-Anakim+ kummandla weentaba, eHebron, eDebhiri, eAnabhi+ nakuwo wonke ummandla weentaba wakwaYuda nakuwo wonke ummandla weentaba wakwaSirayeli.+ UYoshuwa wawatshabalalisa kunye nezixeko zawo.+