22 Baqhubeka besenza umthendeleko wamaqebengwana angenagwele+ iintsuku ezisixhenxe benemihlali; kuba uYehova wababangela banemihlali, wayijika+ nentliziyo kakumkani waseAsiriya yangakubo ukuba azomeleze izandla zabo emsebenzini wendlu kaTHIXO oyinyaniso, uTHIXO kaSirayeli.