1 Samuweli 2:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 aze ahlabe esityeni okanye embizeni yokupheka enemiqheba emibini okanye kungxawu okanye embizeni yokupheka enomqheba omnye. Nantoni na esenokunyuka nefolokhwe umbingeleli wayezithabathela yona. Leyo yindlela ababesenza ngayo eShilo kuwo onke amaSirayeli awayesiza apho.+ 1 Samuweli 2:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Saza isono sabalindi saba sikhulu kakhulu phambi koYehova;+ kuba abantu bawuphatha ngokungenantlonelo umnikelo kaYehova.+ 1 Samuweli 2:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 UEli ke wayemdala kakhulu, yaye wayekuvile+ konke oko oonyana bakhe babekwenza+ kuSirayeli wonke nokuba babeye balale nabafazi+ ababekhonza emnyangweni wentente yokuhlangana.+ 1 Kumkani 1:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Yaye uyise akazange amenze buhlungu nangaliphi na ixesha ngokuthi: “Kutheni na wenze ngale ndlela?”+ Yaye wayemhle kakhulu ngenkangeleko,+ yaye unina wayemzele emva koAbhisalom. Yakobi 5:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 yazini ukuba lowo ubuyisa umoni kwisiphoso+ sakhe uwusindisile umphefumlo wakhe ekufeni,+ wagubungela inkitha yezono.+
14 aze ahlabe esityeni okanye embizeni yokupheka enemiqheba emibini okanye kungxawu okanye embizeni yokupheka enomqheba omnye. Nantoni na esenokunyuka nefolokhwe umbingeleli wayezithabathela yona. Leyo yindlela ababesenza ngayo eShilo kuwo onke amaSirayeli awayesiza apho.+
17 Saza isono sabalindi saba sikhulu kakhulu phambi koYehova;+ kuba abantu bawuphatha ngokungenantlonelo umnikelo kaYehova.+
22 UEli ke wayemdala kakhulu, yaye wayekuvile+ konke oko oonyana bakhe babekwenza+ kuSirayeli wonke nokuba babeye balale nabafazi+ ababekhonza emnyangweni wentente yokuhlangana.+
6 Yaye uyise akazange amenze buhlungu nangaliphi na ixesha ngokuthi: “Kutheni na wenze ngale ndlela?”+ Yaye wayemhle kakhulu ngenkangeleko,+ yaye unina wayemzele emva koAbhisalom.
20 yazini ukuba lowo ubuyisa umoni kwisiphoso+ sakhe uwusindisile umphefumlo wakhe ekufeni,+ wagubungela inkitha yezono.+