1 Samuweli 19:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Ke yena uDavide, wabaleka wemka+ yaye wasinda waza waya kufika kuSamuweli eRama.+ Wamxelela konke uSawule abekwenzile kuye. Wandula ke yena noSamuweli bemka, baya kuhlala eNayoti.+ 1 Samuweli 22:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Ngoko uDavide wahamba apho+ waza wabalekela+ emqolombeni+ waseAdulam;+ yaye beva abantakwabo nendlu kayise iphela baza behla baya kuye apho. 1 Samuweli 22:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ekuhambeni kwexesha uGadi+ umprofeti wathi kuDavide: “Umele ungaqhubeki uhleli kule ndawo ingafikelelekiyo. Mka, uze ke ungene kwilizwe lakwaYuda.”+ Ngenxa yoko uDavide wemka waza wangena kwihlathi laseHereti.
18 Ke yena uDavide, wabaleka wemka+ yaye wasinda waza waya kufika kuSamuweli eRama.+ Wamxelela konke uSawule abekwenzile kuye. Wandula ke yena noSamuweli bemka, baya kuhlala eNayoti.+
22 Ngoko uDavide wahamba apho+ waza wabalekela+ emqolombeni+ waseAdulam;+ yaye beva abantakwabo nendlu kayise iphela baza behla baya kuye apho.
5 Ekuhambeni kwexesha uGadi+ umprofeti wathi kuDavide: “Umele ungaqhubeki uhleli kule ndawo ingafikelelekiyo. Mka, uze ke ungene kwilizwe lakwaYuda.”+ Ngenxa yoko uDavide wemka waza wangena kwihlathi laseHereti.