17 Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zenziwe ngcwele ngokwahlulelwa,+ ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe+ aze eneneni abe nenceba kuwe, athi ngokuqinisekileyo abonakalise inceba+ kuwe yaye akwandise, kanye njengoko wafungayo kookhokho bakho.+