-
2 Samuweli 4:4INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
4 Ke kaloku uYonatan,+ unyana kaSawule, wayenonyana osisiqhwala.+ Wayeminyaka mihlanu ubudala ukufika kwengxelo engoSawule noYonatan eyayivela eYizereli;+ impelesi yakhe ke yamthwala yaza yasaba, kodwa kwathi njengoko yayibaleka ngokuphakuzela isaba, ngoko wawa waza waba sisiqhwala. Kwaye igama lakhe yayinguMefibhoshete.+
-
-
2 Samuweli 9:10INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
10 Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho nabakhonzi bakho, nize nimzisele isivuno, sibe kukutya kwabo bangabomzukulwana wenkosi yakho, bamele badle ke; kodwa uMefibhoshete yena, umzukulwana wenkosi yakho, uya kudla isonka rhoqo etafileni yam.”+
Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinesihlanu nabakhonzi abangamashumi amabini.+
-