Genesis 32:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 Yathi ke yona: “Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi kodwa liya kuba nguSirayeli,+ kuba usukuzene+ noThixo kwakunye nabantu waza ekugqibeleni woyisa.” Genesis 33:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Emva koko wamisa khona isibingelelo waza wasibiza ngokuba nguThixo, uTHIXO kaSirayeli.+ Genesis 35:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Wathi uThixo kuye: “Igama lakho nguYakobi.+ Akusayi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kodwa liya kuba nguSirayeli igama lakho.” Wamthiya ke igama elinguSirayeli.+ 2 Kumkani 17:34 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 34 Kude kube ngulo mhla benza ngokonqulo lwabo lwangaphambili.+ Kwakungekho namnye woyika uYehova+ kungekho namnye wenza ngokwemimiselo yakhe nangokwezigwebo zakhe+ nangokomthetho wakhe+ nangokomyalelo+ uYehova awayalela ngawo oonyana bakaYakobi,+ awamnika igama elinguSirayeli;+ Isaya 48:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 48 Yivani oku, ndlu kaYakobi, nina nizibiza ngegama likaSirayeli+ nabo baphume kuwo amanzi akwaYuda,+ nina bafunga ngegama likaYehova+ nabo bakhankanya uTHIXO kaSirayeli,+ kungekhona ngenyaniso nangobulungisa.+
28 Yathi ke yona: “Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi kodwa liya kuba nguSirayeli,+ kuba usukuzene+ noThixo kwakunye nabantu waza ekugqibeleni woyisa.”
10 Wathi uThixo kuye: “Igama lakho nguYakobi.+ Akusayi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kodwa liya kuba nguSirayeli igama lakho.” Wamthiya ke igama elinguSirayeli.+
34 Kude kube ngulo mhla benza ngokonqulo lwabo lwangaphambili.+ Kwakungekho namnye woyika uYehova+ kungekho namnye wenza ngokwemimiselo yakhe nangokwezigwebo zakhe+ nangokomthetho wakhe+ nangokomyalelo+ uYehova awayalela ngawo oonyana bakaYakobi,+ awamnika igama elinguSirayeli;+
48 Yivani oku, ndlu kaYakobi, nina nizibiza ngegama likaSirayeli+ nabo baphume kuwo amanzi akwaYuda,+ nina bafunga ngegama likaYehova+ nabo bakhankanya uTHIXO kaSirayeli,+ kungekhona ngenyaniso nangobulungisa.+