15 Kodwa uYehoyada umbingeleli wayalela iintloko zamakhulu, abo bamiselweyo bomkhosi wamajoni,+ waza wathi kubo: “Mkhupheni eluhlwini, yaye, nabani na oza emva kwakhe, makabulawe ngekrele!”+ Kuba umbingeleli wathi: “Makangabulawelwa endlwini kaYehova.”