Isaya 9:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo+ aluyi kuphela+ etroneni kaDavide+ nasebukumkanini bakhe ukuze bumiselwe ngokuqinileyo+ nokuze buxhaswe ngokusesikweni+ nangobulungisa,+ ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.+ Isaya 59:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Wandula ke wambatha ubulungisa njengesambatho sentsimbi,+ nesigcina-ntloko sosindiso entloko.+ Ngapha koko, wambatha izambatho zempindezelo+ waza wazisonga ngenzondelelo ngokungathi sisambatho esingenamikhono.+ Hezekile 5:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Uya kwandula ke uphele+ umsindo wam,+ ndibuthomalalise ubushushu bam kubo ndize ndizithuthuzele;+ kuya kufuneka ke bazi ukuba mna, Yehova, ndithethile ngokuzingisa ekufuneni uzinikelo olupheleleyo,+ xa ndiwuphelelisa kubo umsindo wam. Zekariya 1:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 kwaye ingelosi leyo yayithetha nam yahlabela mgama yathi kum: “Memeza, uthi, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.+
7 Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo+ aluyi kuphela+ etroneni kaDavide+ nasebukumkanini bakhe ukuze bumiselwe ngokuqinileyo+ nokuze buxhaswe ngokusesikweni+ nangobulungisa,+ ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo. Yona kanye inzondelelo kaYehova wemikhosi iya kukwenza oku.+
17 Wandula ke wambatha ubulungisa njengesambatho sentsimbi,+ nesigcina-ntloko sosindiso entloko.+ Ngapha koko, wambatha izambatho zempindezelo+ waza wazisonga ngenzondelelo ngokungathi sisambatho esingenamikhono.+
13 Uya kwandula ke uphele+ umsindo wam,+ ndibuthomalalise ubushushu bam kubo ndize ndizithuthuzele;+ kuya kufuneka ke bazi ukuba mna, Yehova, ndithethile ngokuzingisa ekufuneni uzinikelo olupheleleyo,+ xa ndiwuphelelisa kubo umsindo wam.
14 kwaye ingelosi leyo yayithetha nam yahlabela mgama yathi kum: “Memeza, uthi, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.+