Duteronomi 32:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Ngokuba umsindo wam unjengomlilo+Yaye uya kuvutha ude use eShiyol, eyeyona ndawo isezantsi,+Uya kuwudla umhlaba nemveliso yawo+Uvuthise neziseko zeentaba.+ 2 Kronike 36:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Kodwa baqhubeka bebagculela+ abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe+ bebenza intlekisa+ abaprofeti bakhe, de wafika umsindo+ kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.+ Isaya 33:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 EZiyon aboni bayankwantya;+ abawexuki+ babanjwe kukungcangcazela: ‘Ngubani na kuthi onokuhlala nomlilo oqwengayo ngalo naliphi na ixesha?+ Ngubani na kuthi onokuhlala namalangatye ahlala ehleli ngalo naliphi na ixesha?’+ Yeremiya 7:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Khangela! Umsindo wam nobushushu bam buthululelwa phezu kwale ndawo,+ phezu koluntu naphezu kwesilwanyana sasekhaya, naphezu komthi wasendle+ naphezu kwesiqhamo somhlaba; umele uvuthe, kwaye awuyi kucima.’+ Yeremiya 17:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 “‘“Kodwa ukuba anithanga nindithobele ngokuwungcwalisa umhla wesabatha nokungathwali mthwalo,+ kodwa nangena nawo ngamasango eYerusalem ngomhla wesabatha, ndowatshisa ngomlilo amasango ayo,+ kwaye ngokuqinisekileyo uya kuziqwenga iinqaba zokuhlala zaseYerusalem+ yaye awuyi kucinywa.”’”+ Hezekile 20:48 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 48 Nabo bonke abo benyama bamele babone ukuba mna, Yehova, ndiwubasile, kangangokuba awuyi kucinywa.”’”+
22 Ngokuba umsindo wam unjengomlilo+Yaye uya kuvutha ude use eShiyol, eyeyona ndawo isezantsi,+Uya kuwudla umhlaba nemveliso yawo+Uvuthise neziseko zeentaba.+
16 Kodwa baqhubeka bebagculela+ abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe+ bebenza intlekisa+ abaprofeti bakhe, de wafika umsindo+ kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.+
14 EZiyon aboni bayankwantya;+ abawexuki+ babanjwe kukungcangcazela: ‘Ngubani na kuthi onokuhlala nomlilo oqwengayo ngalo naliphi na ixesha?+ Ngubani na kuthi onokuhlala namalangatye ahlala ehleli ngalo naliphi na ixesha?’+
20 Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Khangela! Umsindo wam nobushushu bam buthululelwa phezu kwale ndawo,+ phezu koluntu naphezu kwesilwanyana sasekhaya, naphezu komthi wasendle+ naphezu kwesiqhamo somhlaba; umele uvuthe, kwaye awuyi kucima.’+
27 “‘“Kodwa ukuba anithanga nindithobele ngokuwungcwalisa umhla wesabatha nokungathwali mthwalo,+ kodwa nangena nawo ngamasango eYerusalem ngomhla wesabatha, ndowatshisa ngomlilo amasango ayo,+ kwaye ngokuqinisekileyo uya kuziqwenga iinqaba zokuhlala zaseYerusalem+ yaye awuyi kucinywa.”’”+
48 Nabo bonke abo benyama bamele babone ukuba mna, Yehova, ndiwubasile, kangangokuba awuyi kucinywa.”’”+