-
2 Kumkani 25:27INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
27 Kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wokuthinjwa kukaYehoyakin+ ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi amabini anesixhenxe lwenyanga leyo, uEvili-merodaki+ ukumkani waseBhabhiloni, ngonyaka wokuba ngukumkani kwakhe, wayiphakamisa intloko+ kaYehoyakin ukumkani wakwaYuda endlwini yamabanjwa;
-
-
Yeremiya 52:31INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
31 Ekugqibeleni kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wokuthinjwa kukaYehoyakin+ ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngomhla wamashumi amabini anesihlanu enyangeni leyo, uEvili-merodaki ukumkani waseBhabhiloni, ngonyaka wokuba ngukumkani kwakhe, wayiphakamisa intloko+ kaYehoyakin ukumkani wakwaYuda waza wamkhupha kwindlu yentolongo.
-