Duteronomi 28:45 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 45 “Zoza ke ngokuqinisekileyo phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke,+ zikusukele, zikufumane ude ubhubhe,+ ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho ukuba uyigcine imiyalelo yakhe nemimiselo yakhe akuyalele yona.+ Duteronomi 28:63 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 63 “Kothi kanye njengokuba uYehova wayegcoba ngani ukuba anenzele okulungileyo, anandise,+ enjenjalo uYehova ukugcoba ngani ukuba anitshabalalise, anibhubhise;+ ninyothulwe emhlabeni lowo uya kuwo ukuba uwudle ilifa.+ 2 Kumkani 15:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Kungoko awathi uMenahem wayixabela iTifesa nako konke okwakukuyo nommandla wayo ophuma eTirtsa, ngenxa yokuba ayizange ivule, yaye wayixabela. Wabaqhaqha bonke abafazi abamithiyo kuyo.+ Hoseya 10:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Kuvuke ukuxokozela phakathi kwabantu bakho,+ yaye izixeko zakho ezinqatyisiweyo ziya kuphangwa,+ njengoko uShalman wayiphangayo indlu ka-Arbhele, ngomhla wedabi xa kwatyunyuzwa unyoko kunye noonyana bakhe.+
45 “Zoza ke ngokuqinisekileyo phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke,+ zikusukele, zikufumane ude ubhubhe,+ ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho ukuba uyigcine imiyalelo yakhe nemimiselo yakhe akuyalele yona.+
63 “Kothi kanye njengokuba uYehova wayegcoba ngani ukuba anenzele okulungileyo, anandise,+ enjenjalo uYehova ukugcoba ngani ukuba anitshabalalise, anibhubhise;+ ninyothulwe emhlabeni lowo uya kuwo ukuba uwudle ilifa.+
16 Kungoko awathi uMenahem wayixabela iTifesa nako konke okwakukuyo nommandla wayo ophuma eTirtsa, ngenxa yokuba ayizange ivule, yaye wayixabela. Wabaqhaqha bonke abafazi abamithiyo kuyo.+
14 Kuvuke ukuxokozela phakathi kwabantu bakho,+ yaye izixeko zakho ezinqatyisiweyo ziya kuphangwa,+ njengoko uShalman wayiphangayo indlu ka-Arbhele, ngomhla wedabi xa kwatyunyuzwa unyoko kunye noonyana bakhe.+