29 Ngoko uYehoram+ ukumkani wabuyela eYizereli+ ukuze aphiliswe amanxeba awaba nawo ekubethweni kwakhe ngamaSiriya eRama ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani waseSiriya. Ke yena uAhaziya+ unyana kaYehoram ukumkani wakwaYuda, wehla waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, kuba wayegula.