IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 8:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ngoko uYehoram+ ukumkani wabuyela eYizereli+ ukuze aphiliswe amanxeba awaba nawo ekubethweni kwakhe ngamaSiriya eRama ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani waseSiriya. Ke yena uAhaziya+ unyana kaYehoram ukumkani wakwaYuda, wehla waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, kuba wayegula.

  • 2 Kumkani 9:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 UYehoram wathi: “Bopha!”+ Ngoko inqwelo yakhe yokulwa yabotshwa yaye waphuma uYehoram ukumkani wakwaSirayeli noAhaziya+ ukumkani wakwaYuda, ngamnye ekwinqwelo yakhe yokulwa. Njengoko babeqhubeka besiya kuhlangabeza uYehu, bamfumana kwisiqwenga somhlaba kaNabhoti+ umYizereli.

  • 2 Kronike 22:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Bandula abemi baseYerusalem bamenza ukumkani uAhaziya+ unyana omncinane kakumkani esikhundleni sakhe, (kuba amatutu eza nama-Arabhu+ ababulala bonke abakhulu,)+ waza uAhaziya unyana kaYehoram walawula njengokumkani wakwaYuda.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share