5 Emva koko ke uya kufika endulini kaTHIXO oyinyaniso,+ apho kukho inkampu yomkhosi+ wamaFilisti. Kothi ke ekufikeni kwakho esixekweni, uhlangane neqela labaprofeti+ besihla bevela kwindawo ephakamileyo,+ yaye phambi kwabo ngumrhubhe+ nentambula+ nembande+ nohadi,+ ngoxa bethetha njengabaprofeti.