20 Kwaoko uSawule wathumela abathunywa ukuba baye kuthabatha uDavide. Bathi bakubona abakhulileyo kubaprofeti beprofeta, noSamuweli emi kwisigxina sakhe phezu kwabo, umoya+ kaThixo waba phezu kwabathunywa bakaSawule, baza bona baqala ukuzenza abaprofeti,+ nabo ngokunjalo.