IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ABagwebi 6:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Kwathi ngobo busuku uYehova wahlabela mgama wathi kuye: “Thabatha ithole lenkomo eliyinkunzi, inkunzi yenkomo kayihlo, oko kukuthi, ithole lesibini lenkomo eliyinkunzi elineminyaka esixhenxe, kwaye umele usichithe isibingelelo sikaBhahali+ esisesikayihlo, nesibonda esingcwele esingakuso ufanele usigawule.+

  • 2 Kumkani 18:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Nguye owashenxisa iindawo eziphakamileyo+ waza wazaphula zaziingceba iintsika ezingcwele,+ wagawula isibonda esingcwele+ wayityumza yaziingceba inyoka yobhedu+ eyenziwa nguMoses;+ kuba kude kube ngaloo mihla oonyana bakaSirayeli babeqhumisela imibingelelo+ kuyo ngokuqhubekayo, kwaye yayibizwa ngokuthi sisithixo esiyinyoka yobhedu.+

  • 2 Kumkani 23:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngaphezu koko, wasikhupha isibonda esingcwele+ endlwini kaYehova wasisa kummandla ongaphandle kweYerusalem, entlanjeni yaseKidron, waza wasitshisela+ kwintlambo yaseKidron, wasisila saluthuli yaye uthuli lwaso waluphosa kwindawo yokungcwaba+ oonyana babantu.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share