Duteronomi 3:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 ‘Owu Nkosi enguMongami Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho+ nengalo yakho eyomeleleyo,+ ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasemhlabeni ongenza ngokwezenzo zakho nangokwemisebenzi yakho yamandla?+ 2 Samuweli 22:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 Kuba ngubani na uThixo ingenguye uYehova,+Ngubani na iliwa ngaphandle koThixo wethu?+ INdumiso 86:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kuba umkhulu yaye wenza izinto ezimangalisayo;+UnguThixo, wena wedwa.+ Yeremiya 10:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kodwa uYehova enyanisweni nguThixo.+ UnguTHIXO ophilayo+ noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uya kunyikima,+ kwaye akukho zintlanga ziya kuma ngaphantsi kwesiqalekiso sakhe.+ 1 Korinte 8:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+
24 ‘Owu Nkosi enguMongami Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho+ nengalo yakho eyomeleleyo,+ ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasemhlabeni ongenza ngokwezenzo zakho nangokwemisebenzi yakho yamandla?+
10 Kodwa uYehova enyanisweni nguThixo.+ UnguTHIXO ophilayo+ noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uya kunyikima,+ kwaye akukho zintlanga ziya kuma ngaphantsi kwesiqalekiso sakhe.+
4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+