IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 15:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?+

      Ngubani na onjengawe, wena uvethe amandla obungcwele?+

      Wena ungowokoyikwa+ ngeengoma zokudumisa,+ Wena wenza izinto ezimangalisayo.+

  • 2 Samuweli 7:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Kungenxa yoko le nto umkhulu ngokwenene,+ Nkosi enguMongami Yehova; kuba akakho omnye onjengawe,+ kungekho naThixo ngaphandle kwakho+ phakathi kwabo bonke esive ngabo ngeendlebe zethu.

  • 1 Kumkani 8:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 waza wahlabela mgama wathi: “Owu Yehova THIXO kaSirayeli,+ akukho Thixo unjengawe+ emazulwini phezulu okanye emhlabeni phantsi, ugcina umnqophiso nobubele bothando+ kubakhonzi bakho+ abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke,+

  • INdumiso 71:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Ubulungisa bakho, Thixo, bufikelela kwindawo ephakamileyo;+

      Ngokuphathelele izinto ezinkulu ozenzileyo,+

      Owu Thixo, ngubani na onjengawe?+

  • INdumiso 86:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  8 Akukho unjengawe phakathi koothixo, Yehova,+

      Yaye akukho misebenzi injengeyakho.+

  • Yeremiya 10:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Akukho namnye unjengawe, Yehova.+ Umkhulu, negama lakho likhulu ngamandla.+

  • Yeremiya 49:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 “Khangela! Kuya kunyuka uthile kanye njengengonyama+ ephuma kwintshinyela engaseYordan isiya kwindawo yokuhlala eluqilima,+ kodwa ngephanyazo ndiza kumenza abaleke emke kuyo.+ Nonyuliweyo ndiya kummisela phezu kwayo. Kuba ngubani na onjengam,+ ingubani na noya kundicela umngeni,+ yaye nguwuphi na umalusi onokuma phambi kwam?+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share