20 UDavide wahlabela mgama wathi kuSolomon unyana wakhe: “Yiba nesibindi+ yomelela, uze uthabathe inyathelo. Musa ukoyika,+ ungankwantyi,+ kuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe.+ Akayi kukulahla+ okanye akushiye de wonke umsebenzi wenkonzo kaYehova ugqitywe.