Yobhi 30:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 Kuba ndazi kakuhle ukuba uya kundibuyisela ekufeni,+Nasendlwini yokuhlangana yabo bonke abaphilayo. INdumiso 49:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kuba uyabona ukuba kwanosisilumko uyafa,+Kunye nosisiyatha nalowo ungaqiqiyo uyatshabalala,+Yaye bafanele babushiye kwabanye ubuncwane babo.+ INtshumayeli 3:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Zonke ziya ndaweni nye.+ Zonke zavela eluthulini,+ yaye zonke zibuyela eluthulini.+ INtshumayeli 8:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Akukho mntu unegunya phezu komoya ukuba awuthintele umoya;+ akakho nonegunya lokuwulawula umhla wokufa;+ kungekho nokukhululeka emfazweni.+ Yaye ubungendawo abuyi kubasindisa abo bazifica ngabo.+ INtshumayeli 9:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Konke kubehlela ngokufanayo bonke.+ Sinye isiphelo+ kwilungisa+ nakongendawo,+ kolungileyo nakohlambulukileyo nakongahlambulukanga, kobingelelayo nakongabingeleliyo. Olungileyo uyafana nomoni;+ ofungayo uyafana nosoyikayo isifungo esinzulu.+
23 Kuba ndazi kakuhle ukuba uya kundibuyisela ekufeni,+Nasendlwini yokuhlangana yabo bonke abaphilayo.
10 Kuba uyabona ukuba kwanosisilumko uyafa,+Kunye nosisiyatha nalowo ungaqiqiyo uyatshabalala,+Yaye bafanele babushiye kwabanye ubuncwane babo.+
8 Akukho mntu unegunya phezu komoya ukuba awuthintele umoya;+ akakho nonegunya lokuwulawula umhla wokufa;+ kungekho nokukhululeka emfazweni.+ Yaye ubungendawo abuyi kubasindisa abo bazifica ngabo.+
2 Konke kubehlela ngokufanayo bonke.+ Sinye isiphelo+ kwilungisa+ nakongendawo,+ kolungileyo nakohlambulukileyo nakongahlambulukanga, kobingelelayo nakongabingeleliyo. Olungileyo uyafana nomoni;+ ofungayo uyafana nosoyikayo isifungo esinzulu.+