IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 11:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Yaye bonke aba bakhonzi bakho baya kuza ngokuqinisekileyo kum baze baqubude kum,+ besithi, ‘Phuma, wena nabantu bonke abakulandelayo.’ Ndothi ke ndiphume emva koko.” Watsho ephuma kuFaro evutha ngumsindo.

  • 1 Kronike 12:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Yaye kwakukho amaGadi athile azahlula aba ngakwicala likaDavide kwindawo ekunzima ukuyifikelela entlango,+ amakroti, amadoda anamandla, amadoda omkhosi alwa imfazwe, awayehleli egcine ikhaka elikhulu nencula zilungile,+ ubuso bawo bubobeengonyama,+ nawayengathi ngamabhadi ezintabeni ukukhawuleza kwawo.+

  • Daniyeli 3:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 UShadraki, noMeshaki, noAbhednego baphendula bathi kukumkani: “Owu Nebhukadenetsare, akuyomfuneko ukuba sikuphendule koku.+

  • IZenzo 4:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ke kaloku bakubona ukuthetha ngokuphandle kukaPetros noYohane, baza baqonda ukuba babengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo,+ bamangaliswa. Baqonda ukuba babefudula bekunye noYesu;+

  • IZenzo 14:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Bachitha ixesha elide bethetha ngenkalipho ngegunya likaYehova, owanikela ubungqina kwilizwi lobubele bakhe obungasifanelanga ngokunikela imiqondiso nemihlola ukuba yenzeke ngezandla zabo.+

  • 1 Tesalonika 2:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 kodwa, emva kokuba siqale ngokubandezeleka+ saza saphathwa ngokusa+ eFilipi+ (kanye njengokuba nisazi), uThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha+ kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share