IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 1:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Nize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu.+ Nifanele nimve omncinane njengomkhulu.+ Nize ningothuswa mntu,+ ngokuba umgwebo ngokaThixo;+ ityala elininzimeleyo nize nilizise kum, ndilive.’+

  • 2 Samuweli 8:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 UDavide waqhubeka elawula wonke uSirayeli;+ yaye uDavide wayeqhubeka ebenzela izigwebo nobulungisa+ bonke abantu bakhe.+

  • INdumiso 58:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Yaye uluntu luya kuthi:+ “Ngokuqinisekileyo uneziqhamo lowo ulilungisa.+

      Ngokuqinisekileyo kukho uThixo ogwebayo emhlabeni.”+

  • INdumiso 72:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  2 Ngamana angaligweba ngobulungisa ityala labantu bakho+

      Nelabaxhwalekileyo bakho ngemimiselo.+

  • Isaya 11:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa,+ abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba. Uya kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe;+ ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yakhe.+

  • Yeremiya 22:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Utsho uYehova ukuthi: “Yenzani okusesikweni nobulungisa, nimhlangule ophangwayo esandleni soqhathayo; ningamdlakazelisi umphambukeli, inkwenkwe engenayise okanye umhlolokazi.+ Ningabagonyameli.+ Ningaphalazi naliphi na igazi elimsulwa kule ndawo.+

  • Yohane 7:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Musani ukugweba ngokwembonakalo yangaphandle, kodwa gwebani ngomgwebo wobulungisa.”+

  • Hebhere 1:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho. Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane akho.”+

  • ISityhilelo 19:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ndabona izulu livulekile, yaye khangela! nalo ihashe elimhlophe.+ Lowo wayehleli kulo ubizwa ngokuba nguThembekile,+ nguNyaniso,+ yaye ugweba aze enze imfazwe ngobulungisa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share