IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 27:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Ngoko ke ngale ndlela isiphoso sikaYakobi siya kucanyagushelwa,+ yaye siso sonke esi isiqhamo xa esuse isono sakhe,+ xa ewenza onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika aye acolwa, khon’ ukuze izibonda ezingcwele+ neziganga zeziqhumiso zingaphakami.+

  • Hezekile 36:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Ndiza kunifefa ngamanzi ahlambulukileyo, nihlambuluke;+ ekungcoleni+ kwenu konke nakwizithixo zenu ezinezothe zonke ndiya kunihlambulula.+

  • Hezekile 37:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Abayi kubuya bazenze inqambi ngezithixo zabo ezinezothe nangezinto zabo ezilizothe nangokunxaxha kwabo konke;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubasindisa kuzo zonke iindawo zabo zokuhlala abone bekuzo, ndibahlangule,+ babe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.+

  • Hoseya 14:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 “UEfrayim uya kuthi, ‘Ndisenanto yakwenza ngantoni na nezithixo?’+

      “Mna ngokuqinisekileyo ndiya kuphendula yaye ndiya kuqhubeka ndimkhangela.+ Ndinjengomthi onabileyo wejunipha.+ Siyafunyanwa kum isiqhamo sakho.”

  • Zekariya 13:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Kuya kuthi ke ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni,+ zingabi sakhunjulwa kwakhona; kwanabaprofeti+ nomoya wokungcola ndiya kuwudlulisa ungabikho elizweni.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share