23 Abayi kubuya bazenze inqambi ngezithixo zabo ezinezothe nangezinto zabo ezilizothe nangokunxaxha kwabo konke;+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kubasindisa kuzo zonke iindawo zabo zokuhlala abone bekuzo, ndibahlangule,+ babe ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.+