-
2 Kumkani 18:4INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
4 Nguye owashenxisa iindawo eziphakamileyo+ waza wazaphula zaziingceba iintsika ezingcwele,+ wagawula isibonda esingcwele+ wayityumza yaziingceba inyoka yobhedu+ eyenziwa nguMoses;+ kuba kude kube ngaloo mihla oonyana bakaSirayeli babeqhumisela imibingelelo+ kuyo ngokuqhubekayo, kwaye yayibizwa ngokuthi sisithixo esiyinyoka yobhedu.+
-
-
2 Kronike 31:1INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
31 Ngokukhawuleza nje bakukugqiba konke oku, amaSirayeli onke+ awayefunyanwa ezixekweni zakwaYuda,+ aqhekeza iintsika ezingcwele+ aza agawula izibonda ezingcwele+ adiliza iindawo eziphakamileyo+ nezibingelelo+ kulo lonke elakwaYuda+ nelakwaBhenjamin nakwaEfrayim+ nakwaManase+ bade bazigqiba; emva koko bonke oonyana bakaSirayeli babuyela ezixekweni zabo, ngamnye kwilifa lakhe.
-