Levitikus 26:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso+ ezweni lenu ukuze niqubude kulo;+ ngokuba ndinguYehova uThixo wenu. ABagwebi 17:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Ngako oko wawabuyisela kunina+ amaqhosha esilivere aliwaka elinekhulu; waza unina wahlabela mgama wathi: “Ndimele ndiyingcwalise isilivere kuYehova iphuma esandleni sam ibe yeyonyana wam, ukuze enze umfanekiso oqingqiweyo+ nomfanekiso otyhidiweyo;+ yaye ke ndiya kuyibuyisela kuwe.” ABagwebi 18:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 Emva koko oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo;+ yaye uYonatan+ unyana kaGershom,+ unyana kaMoses, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli kwisizwe sakwaDan de kwaba yimini yokuthinjwa kwelizwe.+ 2 Kumkani 21:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ngaphezulu, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ kwisibonda esingcwele awayesenzile endlwini+ uYehova awayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo kuzo zonke iintlanga zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.+ Nahum 1:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Yaye ngokuphathelele wena uYehova uyalele wathi, ‘Akuyi kuphinde kuhlwayelwe nantoni na yegama lakho kwakhona.+ Ndiya kuwunqumla umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyhidiweyo endlwini yoothixo bakho.+ Ndiya kukwenzela indawo oya kungcwatywa kuyo,+ ngenxa yokuba uye akwaba nto yanto.’ Habhakuki 2:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Ube yingenelo ngantoni na umfanekiso okroliweyo,+ xa ingumyili wawo owuqingqileyo, umfanekiso otyhidiweyo, nomyaleli wobuxoki?+ xa umyili wawo ekholose ngawo,+ ukusa kumkhamo wokwenza oothixo abangenaxabiso abangathethiyo?+
26 “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye intsika engcwele, yaye ningabeki litye njengomboniso+ ezweni lenu ukuze niqubude kulo;+ ngokuba ndinguYehova uThixo wenu.
3 Ngako oko wawabuyisela kunina+ amaqhosha esilivere aliwaka elinekhulu; waza unina wahlabela mgama wathi: “Ndimele ndiyingcwalise isilivere kuYehova iphuma esandleni sam ibe yeyonyana wam, ukuze enze umfanekiso oqingqiweyo+ nomfanekiso otyhidiweyo;+ yaye ke ndiya kuyibuyisela kuwe.”
30 Emva koko oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo;+ yaye uYonatan+ unyana kaGershom,+ unyana kaMoses, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli kwisizwe sakwaDan de kwaba yimini yokuthinjwa kwelizwe.+
7 Ngaphezulu, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ kwisibonda esingcwele awayesenzile endlwini+ uYehova awayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo kuzo zonke iintlanga zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.+
14 Yaye ngokuphathelele wena uYehova uyalele wathi, ‘Akuyi kuphinde kuhlwayelwe nantoni na yegama lakho kwakhona.+ Ndiya kuwunqumla umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyhidiweyo endlwini yoothixo bakho.+ Ndiya kukwenzela indawo oya kungcwatywa kuyo,+ ngenxa yokuba uye akwaba nto yanto.’
18 Ube yingenelo ngantoni na umfanekiso okroliweyo,+ xa ingumyili wawo owuqingqileyo, umfanekiso otyhidiweyo, nomyaleli wobuxoki?+ xa umyili wawo ekholose ngawo,+ ukusa kumkhamo wokwenza oothixo abangenaxabiso abangathethiyo?+