7 “Ngelo xesha kuya kuziswa isipho kuYehova wemikhosi,+ sivela kwisizwana eside nesigudileyo,+ sona kanye isizwana esoyikekayo kuyo yonk’ indawo, uhlanga olunamandla amakhulu nolugqushayo, olulizwe likhukuliswe yimilambo, sisiwe kwindawo yegama likaYehova wemikhosi, iNtaba yeZiyon.”+