8 “‘Ndadlula ngakuwe ndaza ndakubona, yaye, khangela! ixesha lakho yayilixesha lezincokoliso zothando.+ Ngoko ndatwabululela umbhinqo wam phezu kwakho+ ndaza ndagubungela ubuze bakho ndenza nesifungo ndangena emnqophisweni kunye nawe,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘waza ke waba ngowam.+