Yeremiya 2:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 “‘Kuba kwakudala ndayaphula idyokhwe yakho;+ ndaziqhawula izibopho zakho. Kodwa wathi: “Andizi kukhonza,” kuba walala wanaba+ phezu kweenduli zonke eziphakamileyo naphantsi kwemithi yonke enabileyo,+ uzenza unongogo.+ Yeremiya 3:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Wathi uYehova kum ngemihla kaYosiya ukumkani:+ “‘Ukubonile na oko kwenziwe nguSirayeli ongathembekanga?+ Unyukela kuzo zonke iintaba eziphakamileyo+ naphantsi kwemithi yonke enabileyo,+ ukuze abe ngunongogo apho.+ Hezekile 16:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Yaye kuzo zonke izinto zakho ezicekisekayo nakwizenzo zakho zobunongogo akuyikhumbulanga imihla yobutsha bakho xa wawuhamba ze kwaye unganxibanga, ugqushagqusha egazini.+
20 “‘Kuba kwakudala ndayaphula idyokhwe yakho;+ ndaziqhawula izibopho zakho. Kodwa wathi: “Andizi kukhonza,” kuba walala wanaba+ phezu kweenduli zonke eziphakamileyo naphantsi kwemithi yonke enabileyo,+ uzenza unongogo.+
6 Wathi uYehova kum ngemihla kaYosiya ukumkani:+ “‘Ukubonile na oko kwenziwe nguSirayeli ongathembekanga?+ Unyukela kuzo zonke iintaba eziphakamileyo+ naphantsi kwemithi yonke enabileyo,+ ukuze abe ngunongogo apho.+
22 Yaye kuzo zonke izinto zakho ezicekisekayo nakwizenzo zakho zobunongogo akuyikhumbulanga imihla yobutsha bakho xa wawuhamba ze kwaye unganxibanga, ugqushagqusha egazini.+