Isaya 30:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 Khangela! Igama likaYehova liza livela kude, livutha ngomsindo wakhe+ nangamafu angqingqwa. Yona ke imilebe yakhe, izele sisiqalekiso, nolwimi lwakhe lunjengomlilo oqwengayo.+ Yeremiya 5:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Ngoko ke utsho uYehova, uTHIXO wemikhosi, ukuthi: “Ngenxa yokuba nithethe oku, yabonani, ndiwenza abe ngumlilo emlonyeni wenu amazwi am,+ yaye esi sizwana siya kuba ziinkuni, kwaye ngokuqinisekileyo uya kusiqwenga.”+ Yeremiya 20:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Ndaza ndathi: “Andisayi kumkhankanya, andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.”+ Yaye entliziyweni yam kwaba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.+
27 Khangela! Igama likaYehova liza livela kude, livutha ngomsindo wakhe+ nangamafu angqingqwa. Yona ke imilebe yakhe, izele sisiqalekiso, nolwimi lwakhe lunjengomlilo oqwengayo.+
14 Ngoko ke utsho uYehova, uTHIXO wemikhosi, ukuthi: “Ngenxa yokuba nithethe oku, yabonani, ndiwenza abe ngumlilo emlonyeni wenu amazwi am,+ yaye esi sizwana siya kuba ziinkuni, kwaye ngokuqinisekileyo uya kusiqwenga.”+
9 Ndaza ndathi: “Andisayi kumkhankanya, andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.”+ Yaye entliziyweni yam kwaba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.+