IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Ndiya kulaphula iqhayiya lamandla enu, izulu lenu ndilenze libe njengentsimbi+ nomhlaba wenu ube njengobhedu.

  • Duteronomi 28:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Isibhakabhaka sakho esiphezu kwentloko yakho soba lubhedu, nomhlaba ophantsi kwakho ube yintsimbi.+

  • Isaya 5:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ndiza kusitshabalalisa.+ Asiyi kuthenwa, singayi kuhlakulwa.+ Yaye simele simile ityholo elinameva nokhula;+ namafu ngokwawo ndiya kuwayalela ukuba anganisi mvula phezu kwaso.+

  • Yeremiya 9:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “Ngubani na umntu osisilumko, ukuze akuqonde oku, kwanalowo umlomo kaYehova uthethileyo kuye, ukuze akuxele oku?+ Kungenxa yantoni na ukuze ilizwe okunene litshabalale, okunene litshe njengentlango kungekho nabani na odlulayo kulo?”+

  • Yeremiya 14:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Ngenxa yomhlaba oqotyiweyo kuba kungabangakho mvula elizweni,+ abalimi baneentloni; bagqubuthele intloko.+

  • Amosi 4:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “‘Mna ke, ndayithintela imvula kuni kuseziinyanga ezintathu ukuba kuvunwe;+ yaye ndayinisa kwesinye isixeko, kodwa kwesinye isixeko andayinisa. Esinye isiqwenga somhlaba sanelwa yimvula, kodwa kwesinye isiqwenga somhlaba endingayinisanga kuso kwakomile.+

  • Hagayi 1:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Ndaza ndaqhubeka ndibiza ukoma emhlabeni, nasezintabeni, nasekudleni okuziinkozo, nakwiwayini entsha,+ nakwioli, nakoko umhlaba ubuza kukuvelisa, nakumntu wasemhlabeni, nakwisilwanyana sasekhaya, nakuko konke ukubulaleka kwezandla.’”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share