IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Ndonichithachitha phakathi kweentlanga,+ ndikhuphe ikrele lam esingxotyeni salo emva kwenu;+ liphanziswe ilizwe lenu,+ nezixeko zenu zibe ngamanxuwa aphanzileyo.

  • Duteronomi 28:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 UYehova wokubangela woyiswe ziintshaba zakho.+ Uya kuphuma ngandlela-nye ukuya kuzo, kodwa uya kusaba phambi kwazo ngeendlela ezisixhenxe; ube yinto eqhiphul’ umbilini kwizikumkani zonke zomhlaba.+

  • 2 Kronike 29:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Ukucaphuka kukaYehova+ kwaba nxamnye noYuda neYerusalem, kangangokuba wabenza bayinto yokungcangcazela,+ into yokukhwankqiswa+ unobangela wokubetha umlozi,+ kanye njengoko nizibonela ngawenu amehlo.

  • Yeremiya 15:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Yaye ndiza kubanikela kwizikumkani zonke zomhlaba+ ukuba bangcangcazeliswe ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yoko wakwenzayo eYerusalem.+

  • Yeremiya 24:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ndiza kuthumela kubo ikrele,+ indlala+ nendyikitya yokufa,+ de baphele emhlabeni endabanika wona bona nookhokho babo.”’”+

  • Yeremiya 34:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 “Ngoko ke utsho uYehova ukuthi, ‘Anindithobelanga ngokuthi niqhubeke nibhengeza inkululeko+ ngamnye kumntakwabo, ngamnye kwiqabane lakhe. Yabonani, ndibhengeza kuni inkululeko,’+ utsho uYehova, ‘ekreleni,+ kwindyikitya yokufa+ nasendlaleni,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuninikela ukuba ningcangcazeliswe zizo zonke izikumkani zomhlaba.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share