2 Kumkani 23:34 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 34 Ngaphezu koko, uFaro Neko wenza uEliyakim+ unyana kaYosiya ukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise waza walitshintsha igama lakhe languYehoyakim; yena uYehowahazi wamthabatha wamzisa eYiputa, apho wafela khona ekugqibeleni.+ 2 Kronike 36:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 UYehoyakim+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem+ iminyaka elishumi elinanye; waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.+ Daniyeli 1:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 1 Ngonyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim+ ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni eYerusalem, wayingqinga.+
34 Ngaphezu koko, uFaro Neko wenza uEliyakim+ unyana kaYosiya ukumkani esikhundleni sikaYosiya uyise waza walitshintsha igama lakhe languYehoyakim; yena uYehowahazi wamthabatha wamzisa eYiputa, apho wafela khona ekugqibeleni.+
5 UYehoyakim+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem+ iminyaka elishumi elinanye; waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.+
1 Ngonyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim+ ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni eYerusalem, wayingqinga.+