IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Nehemiya 9:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 “Noko ke, abazange bakuthobele+ baza bakuvukela+ baqhubeka bewunikela umva+ umthetho wakho, bababulala abaprofeti bakho,+ ababenikela ubungqina nxamnye nabo ukuze bababuyisele kuwe;+ yaye baqhubeka besenza izenzo zongakungabi nantlonelo okukhulu.+

  • Isaya 1:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Kodwa ukuba nithe nala+ naba nemvukelo, niya kudliwa nigqitywe likrele; kuba wona kanye umlomo kaYehova ukuthethile oko.”+

  • Isaya 30:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Kuba basisizwana esinemvukelo,+ oonyana abangenanyaniso,+ oonyana abangavumiyo ukuwuva umthetho kaYehova;+

  • Isaya 63:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kodwa bona bavukela+ baza bawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele.+ Ke kaloku watshintsha waba lutshaba lwabo;+ yena walwa imfazwe nabo.+

  • Hezekile 2:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthumela koonyana bakaSirayeli,+ kwiintlanga ezinemvukelo ezindivukeleyo.+ Bona kunye nookhokho babo banxaxhile kum kwada kwayile mini.+

  • Hezekile 20:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 “‘“Basuka oonyana bandivukela.+ Abahamba ngemimiselo yam, abazigcina izigwebo zam ukuba bazenze, ezo, aya kuthi umntu ukuba uyazenza, aphile ngazo.+ Iisabatha zam bazihlambela.+ Ngoko ndathembisa ukuphalazela ubushushu bam kubo, ukuze ndiwuphelelisele kubo umsindo wam entlango.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share