21 “‘“Basuka oonyana bandivukela.+ Abahamba ngemimiselo yam, abazigcina izigwebo zam ukuba bazenze, ezo, aya kuthi umntu ukuba uyazenza, aphile ngazo.+ Iisabatha zam bazihlambela.+ Ngoko ndathembisa ukuphalazela ubushushu bam kubo, ukuze ndiwuphelelisele kubo umsindo wam entlango.+