IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 13:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Ayisoze imiwe,+ ingasoze ihlale izizukulwana ngezizukulwana.+ UmArabhu akayi kumisa ntente yakhe apho, yaye akukho balusi baya kuyeka imihlambi yabo ibuthe apho.

  • Isaya 14:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 “Ndiya kuyenza ilifa leencanda namachibi amanzi aneengcongolo, yaye ndiza kuyitshayela ngomtshayelo wembubhiso,”+ utsho uYehova wemikhosi.

  • Yeremiya 50:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kuba kunyuke kweza kuyo uhlanga oluvela emntla.+ Lulo olwenza ilizwe layo libe yinto ekhwankqisayo, ukuba kungabikho bani uhlala kulo.+ Indoda nesilwanyana sasekhaya kusabile.+ Zimkile.”+

  • Yeremiya 50:39
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 39 Ngoko ke abemi bemimandla engumqwebedu baya kuhlala nezilwanyana ezenza umkhulungwane, yaye iinciniba zimele zihlale kuyo;+ akusayi kuze kuphinde kuhlalwe kuyo, nayo ingasayi kuhlala kwizizukulwana ngezizukulwana.”+

  • Yeremiya 51:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Mawunyikime umhlaba uze ube sentlungwini eqatha,+ kuba kusuke iingcamango zikaYehova nxamnye neBhabhiloni ukuba alenze ilizwe laseBhabhiloni libe yinto ekhwankqisayo, lingenammi.+

  • Yeremiya 51:37
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 37 IBhabhiloni imele ibe yimfumba yamatye,+ isikhundla soodyakalashe,+ into ekhwankqisayo nento yokubethelwa umlozi, ingabi nammi.+

  • ISityhilelo 18:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 yaye akukho kukhanya kwasibane kuya kuze kukhanye kwakhona kuwe, ibe akukho lizwi lamyeni nelamtshakazi liya kuze liviwe kwakhona kuwe;+ ngenxa yokuba abarhwebi+ bakho abahambahambayo babengabantu abakuluhlu oluphezulu+ emhlabeni, kuba ngoqheliselo lwakho lokusebenzelana nemimoya+ zonke iintlanga zalahlekiswa.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share