28 “Kodwa kamsinya bakuba nokuphumla, babesenza okubi kwakhona phambi kwakho,+ yaye wawubayekela esandleni seentshaba zabo, ezazibanyathelela phantsi.+ Babesandula ke babuye bamemeze bacele uncedo kuwe,+ kwaye wena wawubeva usemazulwini+ uze ubahlangule ngobuninzi benceba yakho, amaxesha amaninzi.+