IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kronike 36:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Kodwa baqhubeka bebagculela+ abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe+ bebenza intlekisa+ abaprofeti bakhe, de wafika umsindo+ kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.+

  • Nehemiya 9:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 Kwaye wena ulilungisa+ ngokubhekisele kuko konke okusifikeleyo, kuba wena wenze ngokuthembeka,+ kodwa sithi abenze ngokungendawo.+

  • Yeremiya 30:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Bonke abo bakuthanda kakhulu ngabo kanye abakulibeleyo.+ Abafuni wena. Kuba ndikubethe ngokubethwa kotshaba,+ ngokubethwa kwalowo ukhohlakeleyo,+ ngenxa yobuninzi beziphoso zakho;+ izono zakho zininzi.+

  • IZililo 1:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 UYehova ulilungisa,+ kuba ndivukele umlomo wakhe.+

      Phulaphulani, ke, nonke zizwana, nize nibone intlungu yam.

      Iintombi zam ezinyulu nabafana bam baye ekuthinjweni.+

  • Hezekile 8:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Ukubonile na oku, nyana womntu? Yinto elula ngolo hlobo na kwindlu kaYuda ukwenza izinto ezicekisekayo abazenzileyo apha, ukuba bazalise ilizwe ngogonyamelo+ nokuba bandicaphukise kwakhona, yaye basondeza ihlumelo empumlweni yam?

  • Daniyeli 9:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Wena, Yehova, unobulungisa, kodwa thina sigutyungelwe lihlazo ngayo le mini,+ thina namadoda akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nabo bonke abakwaSirayeli, abo bakufuphi nabo bakude kuwo onke amazwe obasasazele kuwo ngenxa yokungathembeki kwabo abenze ngako nxamnye nawe.+

  • Daniyeli 9:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Owu Yehova, ngokwezenzo zakho zonke zobulungisa,+ ngamana ungabuya umsindo wakho nobushushu bakho kwisixeko sakho iYerusalem, intaba yakho engcwele;+ kuba, ngenxa yezono zethu nangenxa yeziphoso zookhokho bethu,+ iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kubo bonke abo basijikelezileyo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share