IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 2:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “‘Ngoko ke ndiya kusukuzana ngokubhekele phaya nani,’+ utsho uYehova, ‘yaye ndiya kusukuzana noonyana boonyana benu.’+

  • Yeremiya 25:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 “‘Ngokuqinisekileyo ingxolo iya kufikelela kweyona nxalenye ithe qelele yomhlaba, kuba uYehova ubambene neentlanga.+ Umele ngokobuqu agwebe inyama yonke.+ Ke bona abangendawo, umele abanikele ekreleni,’+ utsho uYehova.

  • Hezekile 17:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Ndiza kuwaneka phezu kwakhe umnatha wam, yaye ngokuqinisekileyo uya kubanjiswa ngumnatha wam wokuzingela;+ kwaye ndiya kumsa eBhabhiloni ndize ndimgwebe apho ngenxa yokungathembeki kwakhe enze ngako kum.+

  • Hoseya 4:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli, kuba uYehova ubabek’ ityala abemi beli lizwe,+ kuba akukho nyaniso+ nabubele bothando nakwazi uThixo kweli lizwe.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share