Isaya 17:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Kuba umlibele+ uTHIXO wosindiso lwakho;+ neLiwa+ lenqaba yakho akulikhumbulanga. Kungenxa yoko le nto utyala izityalo ezithandekayo, ubeka nehlumelo lowasemzini. Yeremiya 2:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 Intombi enyulu ingazilibala na izihombo zayo, umtshakazi iinqwemesha zakhe? Ukanti abantu bam—bandilibele imihla engenakubalwa.+ Yeremiya 3:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kumendo ohanjwe kakhulu kuvakele isandi, ukulila, izibongozo zoonyana bakaSirayeli. Kuba bayijijile indlela yabo;+ bamlibele uYehova uThixo wabo.+ Yeremiya 13:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Liqashiso lakho elo, isahlulo osilinganiselweyo sivela kum,”+ utsho uYehova, “ngenxa yokuba undilibele+ kwaye uhlala ukholosa ngobuxoki.+
10 Kuba umlibele+ uTHIXO wosindiso lwakho;+ neLiwa+ lenqaba yakho akulikhumbulanga. Kungenxa yoko le nto utyala izityalo ezithandekayo, ubeka nehlumelo lowasemzini.
32 Intombi enyulu ingazilibala na izihombo zayo, umtshakazi iinqwemesha zakhe? Ukanti abantu bam—bandilibele imihla engenakubalwa.+
21 Kumendo ohanjwe kakhulu kuvakele isandi, ukulila, izibongozo zoonyana bakaSirayeli. Kuba bayijijile indlela yabo;+ bamlibele uYehova uThixo wabo.+
25 Liqashiso lakho elo, isahlulo osilinganiselweyo sivela kum,”+ utsho uYehova, “ngenxa yokuba undilibele+ kwaye uhlala ukholosa ngobuxoki.+