IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 11:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Bamele baphaphazele egxalabeni lamaFilisti baye ngasentshona;+ xa bebonke baya kubaphanga oonyana baseMpuma.+ Baya kusa isandla sabo+ kuEdom noMowabhi, noonyana baka-Amoni baya kuba phantsi kwabo.+

  • Isaya 63:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 63 Ngubani na lo uzayo evela kwaEdom,+ lo unezambatho ezinemibala eqaqambileyo evela eBhotsera,+ lo ubekekileyo ngesinxibo sakhe, uhamba ngamandla amakhulu?

      “Ndim, Lowo uthetha ngobulungisa,+ Lowo uphuphuma ngamandla okusindisa.”+

  • Yeremiya 49:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “‘Ngoko ke, khangela! kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘endiya kuthi ngayo ndivakalise ukuhlaba umkhosi kwemfazwe+ nxamnye neRabha+ yoonyana baka-Amoni; yaye ngokuqinisekileyo iya kuba yindulana eyinkangala ephanzileyo,+ needolophu eziphantsi kwayo+ ziya kutshiswa ngomlilo.’+

      “‘Kwaye uSirayeli okunene uya kubadla ilifa abo babemdle ilifa,’+ utsho uYehova.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share